17. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
18. Musani ukusinqumla isizwe esingumzalwana wakwaKehati phakathi kwabaLevi.
19. Yenzani le nto kubo, ukuba baphile, bangafi ekusondeleni kwabo engcweleni kangcwele: bongena ooAron noonyana bakhe, babamise elowo emsebenzini wakhe nasemthwalweni wakhe;
20. bangangeni bakhangele ingcwele, nangephanyazo eli, hleze bafe.
21. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
22. Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,
23. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
24. Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:
25. bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
26. namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.