Inumeri 36:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;

12. zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.

13. Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.

Inumeri 36