10. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.
11. UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;
12. zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.
13. Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.