Inumeri 35:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite* eziliwaka ngeenxa zonke;

5. nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ube sesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.

6. Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amané anambini.

7. Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amané anesibhozo, anamadlelo ayo.

Inumeri 35