22. Ukuba uthe wamqubula wamtyhala, engenabutshaba, nokuba umgibisele ngempahla nokuba nangayiphi na into, engamzondi, nokuba lilitye angáfayo ngalo,
23. engamboni, amwisele ngalo, engenabutshaba naye, engafuni kumenza nto imbi:
24. liya kwahlula ibandla phakathi kobethileyo nomphindezeli wegazi, ngokwezo zigwebo;
25. limhlangule ibandla umbulali esandleni somphindezeli wegazi, limbuyisele ibandla emzini wokusabela kwakhe, abebalekele kuwo, ahlale kuwo ade afe umbingeleli omkhulu othanjisiweyo ngeoli engcwele.
26. Ukuba umbulali uthe waphuma ngaphandle komda womzi wokusabela kwakhe abebalekele kuwo,
27. umphindezeli wegazi wamfumana engaphandle komda womzi wokusabela kwakhe, umphindezeli wegazi wambulala umbulali lowo, akayi kuba natyala lagazi lowo.
28. Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
29. Ezo zinto zoba ngummiselo wokugweba kuni kwizizukulwana zenu emakhayeni enu onke.
30. Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyi kungqina ngomntu afe.
31. Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wobulali osukuba engongendawo, engowokufa; makabulawe afe.
32. Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yobalekele emzini wokusabela kwakhe, ukuba abuye eze kuhlala emhlabeni wakhe, ade afe umbingeleli.
33. Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo.