2. Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, ukuba babanike abaLevi elifeni lenzuzo yabo imizi yokuba bahlale kuyo, nibanike abaLevi namadlelo ngasemizini yabo ngeenxa zonke.
3. Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo.
4. Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite* eziliwaka ngeenxa zonke;
5. nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ube sesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.
6. Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amané anambini.
7. Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amané anesibhozo, anamadlelo ayo.
8. Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sóbanika abaLevi emizini yaso.
9. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
10. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,
11. nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi.
12. Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
13. Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu.
14. Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimizi yokusabela.
15. Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
16. Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
17. Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angáfayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
18. Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angáfayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
19. Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe.
20. Ukuba uthe wamtyhala ngokumthiya, nokuba umgibisele emzonda, wafa;
21. nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa: makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye.