18. Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.
19. Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;
20. esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;
21. esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon;
22. esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli;