Inumeri 34:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun.

18. Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.

19. Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;

20. esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;

21. esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon;

22. esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli;

23. koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi;

24. esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan;

Inumeri 34