1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, uthi kubo, Xa nithe nangena ezweni lakwaKanan (lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni libe lilifa, ilizwe lakwaKanan ngokwemida yalo),
3. icala lenu lasezantsi lothabathela entlango yeTsin, ngasemacaleni akwaEdom; nomda wenu wasezantsi wothabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa ngasempumalanga;