Inumeri 33:33-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Banduluka emqolombeni waseGidegadi, bamisa eYotebhata.

34. Banduluka eYotebhata, bamisa eAbrona.

35. Banduluka eAbrona, bamisa e-Etsiyon-gebhere.

36. Banduluka e-Etsiyon-gebhere, bamisa entlango yeTsin eyiKadeshe.

37. Banduluka eKadeshe, bamisa entabeni yeHore, esiphelweni selizwe lwakwaEdom.

38. Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amané wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo.

39. UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore.

40. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.

41. Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.

42. Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.

43. Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.

Inumeri 33