1. Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumáyo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron.
2. UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:
3. Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
4. AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.