Inumeri 31:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nòwathuma aphume umkhosi.

5. Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.

6. Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.

7. Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.

Inumeri 31