1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wòhlanganiselwa ebantwini bakowenu.
3. Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
4. iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nòwathuma aphume umkhosi.
5. Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.
6. Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.