Inumeri 30:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uMoses kwiintloko zezizwe zoonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo eli ilizwi awise umthetho ngalo uYehova:

2. Xa athe umntu wabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ufunge isifungo sokuwubopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza, makangalihlambeli ilizwi lakhe; makenze ngokwento yonke ephume emlonyeni wakhe.

3. Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;

4. wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.

Inumeri 30