Inumeri 3:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.

31. Isigxina sabo yityeya,* netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.

32. Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.

33. KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.

34. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.

Inumeri 3