28. Ngénani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele.
29. Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intentengecalalomnquba elingasezantsi.
30. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.
31. Isigxina sabo yityeya,* netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.
32. Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.
33. KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.
34. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.