9. Waguqa, wabuthuma njengengonyama,Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa?Mabasikelelwe abakusikelelayo,Baqalekiswe abakuqalekisayo.
10. Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
11. Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
12. Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum nidisithi,
13. Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam; oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona.