Inumeri 22:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?

10. Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,

11. Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwa nabo, ndibagxothe.

12. Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe.

13. Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani.

14. Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi.

15. Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo.

16. Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum;

17. kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu.

Inumeri 22