Inumeri 22:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe?

31. Wathi, Hayi. Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso. Wathoba, waqubuda ngobuso bakhe.

32. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphumé mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.

33. Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona.

34. Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.

Inumeri 22