12. Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.
13. Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.
14. Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova:IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi,Nezibhaxa zaseArnon,
15. Namathambeka ezibhaxa,Olukela ekhayeni laseAri,Ayame umda wakwaMowabhi.
16. Banduluka khona, baye eBhere;* elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
17. Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma:Nyuka, qula; vumani kulo,
18. Kwiqula elambiwa ngabathetheli,Lagonjwa ngamanene abantu,Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.
19. Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.
20. Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.