1. Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.
2. Lalingenamanzi ibandla. Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron,
3. babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova!