9. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mané, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.
10. Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;
11. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kuye, ngamashumi omané anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.
12. Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;