17. Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.
18. Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;
19. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.
20. Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
21. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.
22. Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;
23. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mané.
24. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.