Inumeri 19:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangàzihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova. Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.

14. Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.

15. Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.

16. Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.

17. Bomcaphulela oyinqambi eluthuthwini lokutsha kwedini lesono, kubekwe phezu kwalo amanzi aphilileyo ngesitya;

18. indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni.

Inumeri 19