Inumeri 19:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ochukumisa ofileyo kuzo izidumbu zabantu, woba yinqambi iintsuku ezisixhenxe.

12. Wóthi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe azihlambulule isono, ahlambululeke ke. Ukuba ke akathanga azihlambulule isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe akayi kuba uhlambulukile.

13. Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangàzihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova. Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.

14. Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.

15. Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.

Inumeri 19