Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho. Kodwa wona amazibulo abantu wòwakhulula ngokuwamisela; amazibulo ezinto ezizitho ziné eziziinqambi wòwakhulula ngokuwamisela.