Inumeri 16:46-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.

47. Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.

48. Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho.

49. Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesiné lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafáyo ngendawo yakwaKora.

50. Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.

Inumeri 16