22. Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, koné umntu wamnye nje, ùnoburhalarhume kwibandla lonke na?
23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
24. Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.
25. Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli.
26. Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.
27. Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.
28. Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.
29. Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.
30. Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.
31. Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo;
32. umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.
33. Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu.
34. Onke amaSirayeli abebangqongile abalekiswa sisithonga sesikhalo sabo; ngokuba abesithi, Hleze umhlaba usiginye nathi.
35. Kwaphuma umlilo kuYehova, wawadla amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, asondeza isiqhumiso.
36. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
37. Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele.
38. Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bázisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli.
39. Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.