Inumeri 14:36-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,

37. wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, áfa sisibetho eso phambi koYehova.

38. Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.

39. Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.

40. Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siya kunyuka siye kuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.

41. Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova?

42. Le nto ayiyi kuphumelela. Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningágxothwa ziintshaba zenu.

43. Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.

44. Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba.

45. Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.

Inumeri 14