Inumeri 14:36-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,

37. wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, áfa sisibetho eso phambi koYehova.

38. Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.

39. Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.

40. Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siya kunyuka siye kuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.

Inumeri 14