22. Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
23. wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.
24. Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.
25. Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.*
26. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
27. Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona eli lindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.