Inumeri 12:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Weva uYehova. Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.

4. Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.

5. Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.

6. Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.

7. Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.

8. Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; ásikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?

9. Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.

10. Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa.

Inumeri 12