32. Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere* ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.
33. Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.
34. Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava;* ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukáyo.
35. Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.