Inumeri 1:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;

4. kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.

5. Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;

6. kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

7. kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;

8. kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;

9. kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

Inumeri 1