Inumeri 1:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;

4. kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.

5. Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;

6. kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

7. kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;

8. kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;

9. kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

10. koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;

11. kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;

12. kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

Inumeri 1