Intshumayeli 6:6-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?

7. Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe; ukanti umphefumlo awuzali.

8. Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?

Intshumayeli 6