Intshumayeli 12:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.

13. Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.

14. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.

Intshumayeli 12