Intshumayeli 11:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Síphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.

2. Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini.

3. Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.

4. Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.

Intshumayeli 11