Intshumayeli 10:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko.

2. Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso; intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso.

3. Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge.

4. Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.

5. Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya:

6. ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, ziba izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi.

7. Ke ndiziboné izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.

8. Omba isigingqi, angéyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingámluma.

9. Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni.

10. Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, àkalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise.

11. Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.

12. Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.

Intshumayeli 10