Intshumayeli 1:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekáyo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.

10. Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.

11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.

12. Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.

Intshumayeli 1