6. Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.
7. Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.
8. Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihlúthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.
9. Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekáyo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10. Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.
11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.
12. Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.
13. Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awuniké oonyana babantu, ukuba bawuzame.
14. Ndazikhangela zonke izenzo ezenzékayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.