Intshumayeli 1:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.

11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.

12. Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.

13. Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awuniké oonyana babantu, ukuba bawuzame.

Intshumayeli 1