Imizekeliso 8:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yonke iphela ithe gca konengqondo,Ithe tye kwabafumene ukwazi.

10. Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere;Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.

11. Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,*Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.

12. Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini;Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.

13. Ukoyika uYehova kukuthiya into embi:Ikratshi nokukratsha, nendlela embi,Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.

14. Likum icebo nozimaso;Ndiyingqondo, bobam ubugorha.

15. Ookumkani banobukumkani ngam;Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.

16. Bathethela ngam abathetheli,Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.

17. Abandithandayo ndiyabathanda nam;Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.

18. Bunam ubutyebi nozuko,Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.

19. Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo;Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.

20. Ndihamba ngomendo wobulungisa,Phakathi kweendlela ezisesikweni;

21. Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo,Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.

Imizekeliso 8