Imizekeliso 8:34-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Hayi, utolo lomntu ondivayo,Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini,Egcine emigubasini yeminyango yam!

35. Kuba ofumana mna, ufumene ubomi;Uzuzé okukholekileyo kuYehova.

36. Ophosana nam wona owakhe umphefumlo;Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.

Imizekeliso 8