Imizekeliso 8:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko,Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:

4. Ndimemeza kuni, madoda;Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.

5. Buqondeni ubuqili, ziyatha;Yiqondeni intliziyo, zinyabi.

6. Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu,Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.

7. Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso;Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.

8. Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni;Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.

9. Yonke iphela ithe gca konengqondo,Ithe tye kwabafumene ukwazi.

Imizekeliso 8