3. Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko,Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
4. Ndimemeza kuni, madoda;Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
5. Buqondeni ubuqili, ziyatha;Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
6. Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu,Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
7. Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso;Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
8. Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni;Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
9. Yonke iphela ithe gca konengqondo,Ithe tye kwabafumene ukwazi.