27. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho;Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
28. Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu;Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
29. Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo,Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe;Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
30. Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi,Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke,
31. Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe;Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.
32. Ke ngoko, bonyana, ndiveni;Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam!
33. Yivani uqeqesho, nibe nobulumko,Ningaluyeki.
34. Hayi, utolo lomntu ondivayo,Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini,Egcine emigubasini yeminyango yam!
35. Kuba ofumana mna, ufumene ubomi;Uzuzé okukholekileyo kuYehova.
36. Ophosana nam wona owakhe umphefumlo;Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.