Imizekeliso 8:11-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,*Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.

12. Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini;Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.

13. Ukoyika uYehova kukuthiya into embi:Ikratshi nokukratsha, nendlela embi,Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.

14. Likum icebo nozimaso;Ndiyingqondo, bobam ubugorha.

15. Ookumkani banobukumkani ngam;Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.

16. Bathethela ngam abathetheli,Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.

17. Abandithandayo ndiyabathanda nam;Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.

18. Bunam ubutyebi nozuko,Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.

19. Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo;Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.

20. Ndihamba ngomendo wobulungisa,Phakathi kweendlela ezisesikweni;

21. Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo,Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.

22. UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe,Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.

23. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko,Kwasemandulweni ehlabathi.

24. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo,Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.

25. Ndazalwa kungekafakwa ntaba,Naphambi kweenduli;

26. Engekawenzi umhlaba namaphandle,Nothuli lonke lwelimiweyo.

27. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho;Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;

Imizekeliso 8