Imizekeliso 7:3-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yibophe eminweni yakho,Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.

4. Yithi kubulumko, Ùngudade wethu;Uthi, Ingqondo sisihlobo;

5. Ukuze ugcinwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.

6. Kuba ngefestile yendlu yam,Ndíngasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;

7. Ndabona phakathi kweziyatha,Ndaqonda phakathi kwamadodana,Umfana oswele intliziyo;

8. Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu,Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;

9. Ngongcwalazi, ukumka komhla,Naphakathi kobusuku esithokothokweni.

10. Nanko umfazi emkhawulela,Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.

11. Úyaphithizela, uyinjubaqa;Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.

12. Uthi ephandle, abe esezitratweni,Alale kufuphi neembombo zonke.

13. Wambamba ke, wamanga,Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,

14. Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam,Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.

15. Ngenxa yoko ndiphumé ndeza kukukhawulela,Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.

16. Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo,Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;

17. Ndisifefé isilili samNgemore,* nehaloti,* nesinamon.*

18. Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse,Sizidlamkise ngothando.

19. Kuba indoda ayikho ekhaya,Ihambé uhambo olude;

20. Iphethe ingxowa yemali;Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.

Imizekeliso 7