Imizekeliso 7:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wambamba ke, wamanga,Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,

14. Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam,Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.

15. Ngenxa yoko ndiphumé ndeza kukukhawulela,Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.

16. Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo,Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;

17. Ndisifefé isilili samNgemore,* nehaloti,* nesinamon.*

18. Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse,Sizidlamkise ngothando.

19. Kuba indoda ayikho ekhaya,Ihambé uhambo olude;

20. Iphethe ingxowa yemali;Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.

21. Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe,Wamwexula ngokumcenga kwakhe.

22. Wamlandela ke ngesiquphe,Njengenkomo isiya ekuxhelweni,Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,

23. Njengentaka ikhawulezela esibatheni;Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo,Lude utolo lusicande isibindi sakhe.

24. Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni,Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.

25. Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe,Ungandwendweli emendweni wakhe.

Imizekeliso 7