Imizekeliso 6:28-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,Zingatyabuki na iinyawo zakhe?

29. Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.

30. Àlidelwa isela, xa lithe labelaUkwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;

31. Lifunyênwe, lihlawula kasixhenxe,Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.

32. Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo;Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.

33. Ufumanana nobetho nocukucezo,Ungcikivo lwakhe alucimi.

34. Kuba ikhwele libubushushu bendoda,Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.

35. Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na;Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.

Imizekeliso 6