28. Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,Zingatyabuki na iinyawo zakhe?
29. Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
30. Àlidelwa isela, xa lithe labelaUkwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;
31. Lifunyênwe, lihlawula kasixhenxe,Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.
32. Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo;Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
33. Ufumanana nobetho nocukucezo,Ungcikivo lwakhe alucimi.
34. Kuba ikhwele libubushushu bendoda,Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.
35. Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na;Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.